UKatleho Malebana eqhuba ibhola emdlalweni ohlakulela iUnder-17 FIFA Women's World Cup phakathi koMzantsi Afrika neNigeria obubanjelwe eLucas Moripe Stadium ngempelabeki egqithileyo.
Image: BackpagePix
Iqela lesizwe lamantombazana (SA U-17) oMzantsi Afrika linethemba lokujika amatye abe zizonka xa lidibana neNigeria emdlalweni ongempelaveki. Oku kulandela emveni kokuba aBantwana bekhe phantsi isitya sigcwele kwiNigeria ephumelele ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni ohlakulela iFIFA U-17 Youth World Cup obubanjelwe eLucas Moripe Stadium ngoMgqibelo odlulileyo.
Sisiqalo esibi kakhulu esi kwiqela lesizwe loMzantsi Afrika oseza kudibana eNigeria phambi kwabalandeli bayo. ABantwana abasidlalanga ngendlela encumisayo konke konke isiqingatha sokuqala somdlalo. Iindwendwe ziwulawule umdlalo zafumana namagowuli abalulekileyo ekuhambeni. Umdlali obaphathe mbengwana emdlalweni nguShakirat Moshood obhakuzelise umnatha emzuzwini wamashumi amabini kwisigaba sokuqala somdlalo.
Emva koko uHarmony Chidi ufake amagowuli amabini eyedwa kwaphela nentlantsi yethemba lokubetha iNigeria emdlalweni wokuqala. Kodwa phambi kokusongwa komdlalo, uMzantsi Afrika ukwazile ukubhalisa ebhodini ngegowuli elifakwe nguKatlego Malebana ngepenela. Emva komdlalo, uNtombifuthi Khumalo uvumile ukuba iqela lakhe alidlalanga kakuhle, ngakumbi kwisigaba sokuqala somdlalo aBantwana abasiyeke salawulwa yiNigeria.
"Indlela amantombazana wethu adlale ngayo isiqingatha sesibini iyandincumisa kakhulu nangona singakwazanga ukuphumelela umdlalo. Siphulukene nawo umdlalo kwisigaba sokuqala ngoba asikwazanga ukusidlala kakuhle," utshilo umqeqeshi onethemba lokuba iqela lakhe lakuvelisa iziphumo ezibhetele emdlalweni oza kube useNigeria.
Kufuneka aBantwana balibale ngokwenzeke eLucas Moripe ngoba kufuneka bakhangele iqhinga abangawisa ngalo iNigeria, okungenani babuye nenqaku elinye emdlalweni olandelayo. UKhumalo unethemba lokuba abadlali bakhe baza kudlala bhetele eNigeria ngempelaveki. "Ithuba lokwenza ngcono sisenalo.
"Bekunzima emdlalweni wokuqala ekhaya ngoba kufakwe amagowuli kuthi. Xa sikude ekhaya, siza kulwela ukuphumelela," utshilo umqeqeshi waBantwana emva komdlalo wabo wokuqala kulo nyaka. Umqeqeshi weNigeria, uBankole Olowookere, ubancomile abadlali bakhe - kodwa wathi ufuna umdlalo obhetele ngoba uMzantsi Afrika uza kuza unamandla.
Related Topics: