UXolisani 'Nomeva' Ndongeni esilwa noNestor Bravo emlweni awuphumelele ngamanqaku ePuerto Rico kwiveki ephelileyo.
Image: Facebook
Imbethimanqindi eyaziwayo, uXolisani 'Nomeva' Ndongeni, ibuyele ekhaya inovuyo emva kokuphumelela umlo kutshanje. Oku kwenzeke emva kokuba uNdongeni ebethe uNestor Bravo ngamanqaku emlweni wetayitile weJunior welterweight obubanjelwe esiqithini saseMelika ekuthiwa yiPuerto Rico.
Le ndedeba yakwaBhaca ngokuzalwa - kodwa ngoku ezinze Gauteng, ishiye uNestor Bravo entlimpinika ngoba zange wabethwa emilweni engamashumi amabini anesine kwinqanaba eliphezulu. Phakathi konyaka ka2023 no2024, izinto azimhambelanga kakuhle uNomeva. Ubethwe emidlalweni eminye yonke, kuloo milo, emithathu ubethwe kuyo kunyaka ophelileyo uwodwa.
Ngokutsho kwakhe kuFacebook, ukungaqhubi kwakhe kakuhle kubenendawo emtyhafisayo njengembethimanqindi abikade inembali entle kakhulu emanqindini wehlabathi. Kodwa ngenxa yenkxaso ayifumene emfazini wakhe, emithandazweni ayifumene enkonzweni - uNomeva uthi ufumene amandla okunyamezela kwakhona.
Ngaphandle kokugqwidiza kunyaka odlulileyo, phakathi kwezinto ezimbi ezamehlelayo uNomeva kukunganikwa imali yakhe esisigidi serandi awayeyiphumelele kwiminyaka engaphezulu kweshumi eyadlulayo. Wayifuna wancama kumthelekisi waseMpuma Koloni owafelwa sisazela.
Nokuba uNdongeni ebefuna ukuyeka ukubetha amanqindi ajonge ezinye iindlela zokuphila - kodwa ebewudinga umlo wokubuyisa isidima sakhe. Ngethamsanqa lakhe yenzekile lo nto esilwa noBravo phambi kwabalandeli bakhe ePuerto Rico.
"UThixo undincedile emva kwexesha elide ndizama. Kwiveki ephelileyo ndihambile ndabuya netayitile ePuerto Rico. Ukulwela ekhayeni lotshaba lwakho kunzima. Ngoba bendizithembile, ndiye ndisazi ukuba kunyanzelekile ukuba ndibuye ndiyintshatsheli," utshilo uNomeva kwingxelo ayibhale kuFacebook kwiintsuku ezigqithileyo.
Uthi bekungasekho mntu onethemba lokuba angayintshatsheli kwakhona. "Umfazi wam undixhasile kakhulu. Ndiye emlweni ndithandazela ukungamphoxi. Bekukufutshane ndinikezele - kodwa ngoku ndibulela uThixo ngokwenzekileyo," utshilo uNomeva onamashumi amathathu anethoba emilo ayilwileyo.
Related Topics: